Umarko 2:13-19 Ibhayibhile (XHO96)

13. UYesu wabuya waphuma waya ngaselwandle. Kwaza ke kwahlanganisana isihlwele ngakuye, wasifundisa.

14. Wathi edlula wabona uLevi, unyana ka-Alifeyu, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Waphakama ke, wamlandela.

15. Kwathi, xa wayesitya kwaLevi, kwakho nento eninzi yabaqokeleli-rhafu *naboni, isitya ndawonye noYesu nabafundi bakhe, kuba babebaninzi, bemlandela.

16. Ke abachazi-mthetho beqela *labaFarasi, bakumbona esitya kunye nabaqokeleli-rhafu naboni, bathi kubafundi bakhe: “Yini na ukuba atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?”

17. Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni.”

18. Abafundi bakaYohane *nabaFarasi babezila ukutya. Ke abantu beza kuYesu, bathi kuye: “Kutheni abafundi bakaYohane nababaFarasi besoloko bezila ukutya nje, kanti bona abakho abazili?”

19. UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangakuzila na ukutya lo gama umyeni asekunye nabo? Nakanye! Ngalo lonke ixesha asephakathi kwabo umyeni, abangekhe bakuzile!

Umarko 2