Umarko 16:10-16 Ibhayibhile (XHO96)

10. UMariya ke waya kubaxelela abalandeli bakaYesu, ababekhedamile belila.

11. Bona ke, bakuva ukuba uYesu uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguMariya, basuka àbakholwa.][

12. Emva koko wabonakaliswa ngolunye uhlobo kubafundi ababini ababehamba besiya emaphandleni.

13. Kwanabo ke baya kubaxelela abanye abafundi, kodwa àbakholwa nangabo.][

14. Emva koko uYesu wazibonakalisa kubafundi abalishumi elinanye besetafileni. Wabakhalimela ngenxa yokungakholwa kwabo nangenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zabo, kuba bengakholwa kubo abo babembonile evukile.

15. Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.

16. Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.

Umarko 16