Umarko 14:52-60 Ibhayibhile (XHO96)

52. kodwa yasuka yayishiya ingubo leyo, yabaleka izé.

53. UYesu ke bamsa kumbingeleli omkhulu, baza babuthelana khona bonke ababingeleli abaziintloko, namadoda amakhulu, nabachazi-mthetho.

54. Ke yena uPetros walandela uYesu ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, wotha umlilo.

55. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga,

56. kuba nangona babebaninzi ababethetha ubuxoki ngaye, ubungqina babo babungahlangani.

57. Basuka ke abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi:

58. “Thina samva esithi: ‘Mna ndiya kuyichitha le *ndlu kaThixo yakhiwe ngabantu, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engakhiwanga ngabantu.’ ”

59. Kanti ke nobabo ubungqina babungadibani.

60. Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wabuza kuYesu esithi: “Phika, watyholwa! Ithini impendulo yakho?”

Umarko 14