Umarko 11:19-24 Ibhayibhile (XHO96)

19. Kwakuhlwa, uYesu nabafundi bakhe baphuma esixekweni.

20. Kwaza kwathi kusasa, ukubuya kwabo, bawubona umkhiwane lowo womile ukususela ezingcanjini.

21. UPetros ke ekhumbule okwezolo, wathi kuye: “Mfundisi, khangela umkhiwane owuqalekisileyo womile.”

22. Waphendula uYesu wathi kubo: “Kholwani kuThixo. Ndithi kuni, inene,

23. othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.

24. Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.

Umarko 11