Umarko 1:36-44 Ibhayibhile (XHO96)

36. USimon nâbo babenaye baya kumfuna.

37. Bakuba bemfumene, bathi kuye: “Uyafunwa ngumntu wonke.”

38. Kambe ke yena wathi kubo: “Masihambe siye kwezinye iidolophu zalapha, ukuze nakhona ndizivakalise iindaba ezimnandi. Kaloku ndizele kanye loo nto.”

39. Walityhutyha lonke elaseGalili, eshumayela *ezindlwini zesikhungo, ekhupha iindimoni.

40. Kwasuka mntu uthile uneqhenqa weza kuYesu, wambongoza eguqe phambi kwakhe, wathi: “Unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.”

41. UYesu wavelana naye, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye: “Ndiyathanda; hlambuluka.”

42. Kwangoko laphela iqhenqa, wahlambuluka.

43. Akuba emyale kabukhali, wamndulula kwangoko,

44. esithi kuye: “Lumka ungaxeleli bani nento le. Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina ngokuhlanjululwa kwakho.”

Umarko 1