Uluka 9:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Baphuma ke, bazityhutyha iidolophana, beshumayela iindaba ezimnandi, bephilisa kuzo zonke iindawo.

7. UHerode, owayephethe kuloo mmandla, waziva zonke izinto ezenziweyo nguYesu. Wasuka wanexhala, kuba kwakusithiwa: “Kuvuke uYohane kwabafileyo;”

8. kusithiwa: “Kubonakele uEliya;” kusithiwa ngabanye: “Kubuye kwavuka *umshumayeli wexesha lamanyange.”

9. UHerode ke wathi: “Ndamnqumla intloko nje uYohane. Ngaba ngubani ke lo ndiva kuthethwa ezi zinto ngaye?” Watsho wafuna ukumbona.

10. Ekubuyeni kwabo *abathunywa bamxelela uYesu oko bakwenzileyo. Wabathatha ke, wemka nabo, waya kwidolophu ekuthiwa yiBhetesayida.

Uluka 9