Uluka 7:39-42 Ibhayibhile (XHO96)

39. Akukubona oko umFarasi lowo wayememe uYesu, uthethe yedwa esithi: “Ukuba lo mntu *ebengumshumayeli, ngesazi ukuba ngubani, eluhlobo luni na, lo mfazi umchukumisayo; kuba ungumoni.”

40. Waphendula uYesu wathi kuye: “He Simon, yiva apha!”Wathi ke yena: “Yitsho, Mfundisi.”

41. Wathi uYesu: “Kwakukho mbolekisi-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye. Omnye wayenetyala elingangeerandi ezimakhulu mahlanu, omnye ke zingamashumi amahlanu.

42. Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?”

Uluka 7