Uluka 4:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. UYesu wamphendula esithi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa.’”

5. Ke umtyholi wamnyusela endaweni ephakamileyo uYesu, wathi ngexeshana elingephi wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi;

6. wathi kuye: “Ndokunika igunya kuwo onke, ndikuphe nobutyebi bawo, kuba konke oko kokwam, kwaye ndikunika lowo sukuba ndithanda ukumnika.

7. Ke ngoko, ukuba uthe wandinqula, zonke ezo zinto zoba zezakho.”

8. UYesu wamphendula wathi: “IziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’”

9. Umtyholi ke waya noYesu eJerusalem, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya;

10. kuba iziBhalo zithi: ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuze zikugcine.’

11. Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”

12. Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”

13. Akupheza umtyholi ukulinga uYesu, wemka okwexeshana.

Uluka 4