Uluka 4:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.”

20. Eyisongile incwadi uYesu, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Amehlo abo bonke ababesendlwini yesikhungo ayondele kuye;

21. waza wathi kubo: “Namhlanje esi *siBhalo sizalisekisiwe phambi kwenu.”

22. Babemncoma, bonke bemangalisiwe ngamazwi amnandi awathethayo, besithi: “He bethu, lo mntu asinguye na unyana kaJosefu?”

Uluka 4