Uluka 3:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Yena ke wayewujikeleza wonke ummandla weJordan, eshumayela esithi abantu mabaguquke, babhaptizwe, aze uThixo abaxolele izono zabo;

4. njengoko kubhaliweyo kwincwadi *yomshumayeli uIsaya kusithiwa:“Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi:“ ‘Yilungiseleleni indlela iNkosi,niyihlahlele umgaqo wayo.

5. Mayiditywe yonke imifula,zidilizwe zonke iinduli neentaba.Mazenziwe zithi tye iindawo ezigoso,ziletyelwe ezinamatye.

6. Bonke abantu baya kulubona usindiso oluvela kuThixo.’ ”

7. Ke kaloku izihlwele zaziphuma ziye kubhaptizwa nguYohane. Wayesithi kuzo: “Nzalandini yamarhamba, ngubani lo unilumkisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?

8. Ke ngoko yenzani izinto ezibonakalisa inguquko. Ze ningafane nithi: ‘Siyinzala ka-Abraham.’ Ndiyanixelela mna, uThixo unako ngawo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.

9. Kanti ke lona izembe selikulungele ukuyinqumla ezingcanjini imithi. Ngoko ke wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uyagawulwa utshiswe.”

Uluka 3