Uluka 23:15-23 Ibhayibhile (XHO96)

15. NoHerode akafumananga tyala kuye, kuba naku embuyisela kum. Niyabona, akukho nto ayenzileyo ingabangela ukuba afe.

16. Ndothi ke ngoko ndimbethe, ndimkhulule.”[

17. Ke kaloku ngetheko *lePasika wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye.]

18. Bankqangaza ke bonke besithi: “Mbulale lo, usikhululele uBharabha!”

19. UBharabha lo wayephoswe entolongweni ngenxa yesiphithi-phithi esithile esabakho esixekweni apho, kwanangokubulala.

20. Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.

21. Kodwa bona bankqangaza besithi: “Mbethelele! Mbethelele emnqamlezweni!”

22. UPilato wathi kubo okwesithathu: “Ngoba enze bubi buni na? Andifumani tyala lingabangela ukuba afe. Ndothi ngoko ndimbethe, ndimkhulule.”

23. Bamxina ke uPilato, bekhwaza ngamandla, becela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni. Kwema ngabo ke.

Uluka 23