7. Wafika ke loo mhla wesidlo sezonka ezingenagwele ekwakumele ukuxhelwa ngawo ixhwane *lePasika.
8. UYesu ke wathuma uPetros noYohane, esithi: “Hambani niye kusilungiselela iPasika.”
9. Baza bathi kuye: “Ufuna ukuba siyilungiselele phi na?”
10. Wathi kubo: “Khangelani, nakungena esixekweni, nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Ze nimlandele, niye kuloo ndlu angena kuyo;
11. nize nithi kumnini-mzi: ‘Úthi uMfundisi: Liphi na igumbi leendwendwe apho ndingayidlela khona iPasika nabafundi bam?’