Uluka 19:18-23 Ibhayibhile (XHO96)

18. Seza nesesibini, sathi: ‘Nkosi, ikhulu lakho lenze isihlanu samakhulu.’

19. Yathi nakweso: ‘Wena ndikunika igunya kwiidolophu ezintlanu.’

20. “Seza nesinye, sathi: ‘Nkosi, nali ikhulu lakho. Bendilithandele ngelaphu,

21. kuba bendikoyika, ngokuba ungumntu ongqabalala; uthatha ongakubekanga, uvune ongakuhlwayelanga.’

22. Yathi kuso: ‘Ndiza kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, sicakandini esikhohlakeleyo. Ubusazi nje ukuba ndingumntu ongqabalala, othatha angakubekanga, avune angakuhlwayelanga;

23. kutheni ke imali le yam ungayigcinisanga ebhankini, ze ke mna ekufikeni kwam ndiyifumane inenzala?’

Uluka 19