Uluka 19:12-14 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ke wathi: “Inkosana ethile yahambela kwilizwe elikude, isiya kuthatha amagunya okulawula, iza kubuya ibuye.

13. Izibizile ke izicaka zayo ezilishumi, yazinika imali engangekhulu leerandi sisinye, yathi kuzo: ‘Rhwebani, ndide ndibuye.’

14. Ke bona abemi belizwe laloo nkosana babeyithiyile, baza bathuma izigidimi emva kwayo, besithi: ‘Asifuni ukuba lo abe ngukumkani wethu.’

Uluka 19