Uluka 16:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Lacinga ke igosa lathi: ‘Ndiya kuthini, bethu, inkosi yam indisusa nje ebugoseni? Ndiphangele? Hayi, kuyandoyisa! Ndingqibe? Hayi, ndineentloni!

4. O-o-o, ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndasuswa ebugoseni bandamkele ezindlwini zabo abantu.’

5. “Ke libabizele kulo ngabanye abanamatyala enkosini yalo, lathi kowokuqala: ‘Unatyala lingakanani na enkosini yam?’

6. Wathi yena: ‘Likhulu leengqayi zeoyile yomnquma.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ukhawuleze uhlale phantsi, ubhale amashumi amahlanu.’

7. Emva koko lathi komnye: ‘Wena ke unatyala lingakanani?’ Wathi yena: ‘Likhulu leengxowa zengqolowa.’ Lathi kuye: ‘Thatha iphepha lakho, ubhale amashumi asibhozo.’

8. “Yaza inkosi yalo yalincoma ngokundweba kwalo eli gosa linamaqhinga; kuba kwezobulumko obusingisele koogxa babo, abeli phakade bayabagqitha abakhanyiselwe nguThixo.”

9. Waqhuba ke uYesu wathi: “Nam ndithi kuni, ubutyebi obu bùdla ngokufunyanwa ngobuqhetseba, busebenziseni nina ngendlela eya kunakhela ubuhlobo, khon' ukuze nakuphelelwa bobo butyebi, nibe nokwamkelwa eminqubeni yaphakade.

10. Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongathembekanga kokuncinane, akathembekanga nakokukhulu.

11. Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka kubutyebi beli phakade, ngubani na onokunithemba kobo butyebi bububo?

12. Ukuba anibanga nakuthembeka kokukokomnye, ngubani na onokuninika okukokwenu?

Uluka 16