Uluka 14:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. Bakhohlwa kukumphendula kwezo zinto.

7. Akuyibona indlela abamenyiweyo abazisukela ngayo izihlalo eziphambili, uYesu uthethe umzekeliso kubo, esithi:

8. “Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngumntu, uze ungayi kuhlala kwesona sihlalo siphambili, hleze kuthi kanti ohloniphekileyo kunawe naye umenyiwe,

9. eze ke lowo unimemileyo aze athi kuwe: ‘Khawudedele lo mntu.’ Ke wena uya kunyoshoza, uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni.

Uluka 14