Uluka 14:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Bakhohlwa kukumphendula kwezo zinto.

7. Akuyibona indlela abamenyiweyo abazisukela ngayo izihlalo eziphambili, uYesu uthethe umzekeliso kubo, esithi:

8. “Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngumntu, uze ungayi kuhlala kwesona sihlalo siphambili, hleze kuthi kanti ohloniphekileyo kunawe naye umenyiwe,

9. eze ke lowo unimemileyo aze athi kuwe: ‘Khawudedele lo mntu.’ Ke wena uya kunyoshoza, uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni.

10. Ke ngoko, xa uthe wamenywa, uze uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni, ze kuthi akufika lowo ukumemileyo, athi kuwe: ‘Sihlobo, nyukela ngasentla.’ Wothi ke uhlonelwe ngabo bonke abo unabo emsithweni;

11. kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”

12. UYesu ke wabhekisa kulowo wayemmemile, wathi: “Xa ubizela abantu esidlweni, uze ungamemi zihlobo zakho, nabantakwenu, nazizalwane zakho, nabamelwane bakho abazizityebi, hleze nabo baphinde bakumeme, kuze oko kube yimbuyekezo kuwe.

Uluka 14