Uluka 14:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *NgoMhla othile wokuPhumla uYesu waya kutya kumzi *womFarasi owayeyinkokheli. Bahlala ke bemlalele.

2. Kwabonakala kukho ndoda ithile phambi kwakhe, inesifo somlambo.

3. Waza ke uYesu wabuza kubachazi-mthetho nabaFarasi, esithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa ngoMhla woPhumlo?”

4. Bathi cwaka ke bona. Wayithatha ke indoda leyo, wayiphilisa, wayindulula,

5. wathi kubo: “Ngaba ngubani na kuni ongayi kuthi, yakweyela equleni inkwenkwe yakhe okanye inkomo yakhe, angayikhuphi kwangoko, nokuba kungoMhla wokuPhumla?”

6. Bakhohlwa kukumphendula kwezo zinto.

Uluka 14