Ujeremiya 9:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ewe, abahlobo bayakhohlisana;akukho uthetha inyaniso.Baziqhelisa ukuthetha ubuxoki,bawaqobe amandla abo ngokona.

6. Inene, umi phakathi kwabantu abakhohlisayo;ngenkohliso yabo abavumi ukundazi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

7. Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Ngenxa yale nto abantu bam ndiza kubahluza,ndibavavanye.Akukho ndlela yimbi ngenxa yesono sabo.

8. Lutolo oluhlabaniselayo ulwimi lwabo;luthetha inkohliso.Bayamqhatha ummelwane ngeentetho zabo,ukanti ezintliziyweni zabo bamcuphile.

9. Mandingabohlwayi ke ngenxa yale nto?Mandingaziphindezeli kubantu abanje?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Ujeremiya 9