Ujeremiya 41:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. kwafika amashumi asibhozo amadoda, evela eShekem naseShilo naseSamariya. Ayezichebile iindevu, ezikrazule izambatho, imizimba eyicentile. Ayephethe iminikelo yeenkozo kunye nentlaka yesiqhumiso, ezizisa endlwini *kaNdikhoyo.

6. UIshmayeli unyana kaNetaniya wasuka eMizpa, wawahlangabeza ehamba elila. Ufikile kubo, wathi: “Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.”

7. Kodwa athi nje akuthi cakatha phakathi esixekweni, uIshmayeli nabo babehamba naye bawatyakatya loo madoda, bawaphosa emhadini.

8. Ishumi laloo madoda lona lathi kuIshamayeli: “Musa ukusibulala thina; sinokutya esikufihlileyo endle: ingqolowa, neoyile yomnquma, nobusi.” Wawayeka ke lawo amadoda akawabulala njengamanye.

Ujeremiya 41