1. Lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, akuba ekhululwe nguNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu, eRama. UNebhuzaradan wafika uJeremiya ekhonkxiwe ephakathi kwabathinjwa baseJerusalem nakwaJuda, ababesisiwa ekuthinjweni eBhabheli.
2. Akufika kuJeremiya umphathi-balindi wathi: “*NguNdikhoyo uThixo wenu ocwangcise le ntlekele inihleleyo kule ndawo.
3. Uyenzile ke uNdikhoyo loo nto njengokuba wayetshilo. Nifikelwe yile nto ngenxa yokuba nimonile uNdikhoyo anamphulaphula.
4. Uyabona, namhlanje ndiza kukukhulula kula matyathanga ubotshwe izandla ngawo. Ungaya nam eBhabhehli ukuba uyafuna; ndokulungiselela. Phofu ungasala uhlale apha ukuba akufuni, okanye ungaya naphi na apho uthanda khona kweli lizwe.”