Ujeremiya 32:38-42 Ibhayibhile (XHO96)

38. babe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.

39. Ndiya kubenza babe mxhelo mnye ekucingeni nasekwenzeni, bandihlonele maxa onke, ukuze balungelwe bona kunye nezizukulwana.

40. Umnqophiso endiza kuwenza nabo ngongasoze utshitshe. Ndohlala ndibenzela ububele; ndibafake ifuthe lokundihlonela, bangaze babuye bandishiye.

41. Koba luvuyo kum ukubabonelela; ngenene, ndiya kubamilisela kulo mhlaba ngomxhelo wam wonke.’

42. “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Njengoko ndibahlisele esi sihelegu nje aba bantu, ndiza kubuya ndibanike konke okuhle endabathembisa ngako.

Ujeremiya 32