1. Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo:“Ngelo xesha ndoba nguThixo wazo zonke izizwe zakwaSirayeli,zona zibe ngabantu bam.”
2. Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Abantu abasinde kulo ikrele ndobenzela inceba entlango,ndiwanike ukuphumla amaSirayeli.”
3. UNdikhoyo wabonakala kwamandulo, wathi:“Sirayeli, ndikuthanda ngothando olungapheliyo;ndahlala ndikwenzela izibele.