Ujeremiya 30:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi:

2. “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe.

3. Kuba kaloku lifikile ixesha lokupheliswa kokuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaJuda. Ndiza kubabuyisela kumhlaba endawunika ooyise-mkhulu, babuye bawume kwakhona,’ utsho uNdikhoyo.”

Ujeremiya 30