Ujeremiya 3:20-23 Ibhayibhile (XHO96)

20. Wena, Sirayeli, akukhange uthembeke kumoku komfazi ongathembekanga kumyeni wakhe.”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

21. Ewe, kuvakala ilizwi lihlokoma ezincotsheni zeenduli;sisililo nezitarhuziso zoonyana bakaSirayeli,kuba bâzenza gwenxa iindlela zabo,bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo.

22. “Buyelani kum, bantwanandini abakreqayo,ndininyange luphele ukreqo lwenu.”“Sesilapha; size kuwe.Kaloku nguwe, Ndikhoyo, uThixo wethu.

23. Ngenene iingxokozelo ezindulini nasezintabeni bubuqhetseba;ngenene kuphela nguNdikhoyo uThixo wethu omhlangulayo uSirayeli.

Ujeremiya 3