Ujeremiya 26:8-10 Ibhayibhile (XHO96)

8. Uthe nje akugqiba ukuthetha yonke loo nto kwakuthiwe aze ayithethe nguNdikhoyo, ababingeleli nabashumayeli, bekunye nabantu bonke, bamthi hlasi, bathi: “Uza kufa wena!

9. Kutheni ukuba ushumayele ngegama likaNdikhoyo uthi le ndlu iza kufana neShilo, esi sixeko sitshabalale sibe yinkangala ngamanxuwa, singahlalwa mntu?” Bamvingcela kuloo ndlu kaNdikhoyo uJeremiya bonke abantu.

10. Zithe ezi ndaba zakufika kwiziphathamandla zakwaJuda, zatsho zagxalathelana ukusuka ebhotwe, zisiya endlwini kaNdikhoyo, zafika zaya kutsho ezihlalweni zazo ngakwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo.

Ujeremiya 26