Ujeremiya 23:33-40 Ibhayibhile (XHO96)

33. “Xa aba bantu bekubuzayo, nokuba *ngumshumayeli nokuba ngumbingeleli, besithi: ‘Udaba olundilisekileyo *lukaNdikhoyo luthini?’ uze uthi: ‘Ungumthwalo wena kuNdikhoyo; ibe uza kukothula.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

34. “Xa kukho umntu, nokuba ngumshumayeli, nokuba ngumbingeleli, othi xa ethetha: ‘Nalu udabaNgesiHebhere umthwalo nodaba olundilisekileyo ligama elinye lukaNdikhoyo,’ loo mntu uya kohlwaywa kunye nentsapho yakhe.

35. “Nisoloko nibuza kubahlobo nakwizizalwane nisithi: ‘Impendulo kaNdikhoyo ithini? Uthini uNdikhoyo?’

36. Kambe maningabi sawasebenzisa amazwi athi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ kuba ilizwi lomntu ngamnye losuka libe ludaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo kuye, abe ewagqwetha amazwi kaThixo onguThixo wethu ophilayo, uNdikhoyo uSomandla-onke.

37. Nibuza kubashumayeli nisithi: ‘Itheni impendulo kaNdikhoyo? Utheni uNdikhoyo?’

38. Ukuba nithi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ ndibe mna bendithe ze ningabi sawathetha amazwi athi: ‘Nalu udaba lukaNdikhoyo,’

39. ngako oko, niyabona, ndiza kunithatha ndiniphose kude lee kunye neso sixeko senu ndasinika ookhokho benu.

40. Ndonihlisela ihlazo elingenasiphelo nokuphoxeka okungasokuze kulibaleke.”

Ujeremiya 23