12. Ndikhoyo Somandla-onke,wena uwavavanyayo amalungisa,uzigocagoce iintliziyo neengqondo zawo,mandikubone ukuziphindezela kwakho kubo,kuba kaloku umcimbi wam ndiwuphose kuwe.
13. Menzeleni ingoma uNdikhoyo, nimbonge,kuba nguye ohlangula ubomi babahlelelekileyokwigunya labantw' abagwenxa.
14. Unelishwa umhla endazalwa ngawo;mayingathamsanqeliswa imin' uma andizale ngayo.
15. Hayi, ilishwa laloo mntu wazisela ubawo iindaba ezamvuyisayo,esithi: “Uzel' inkwenkwe!”
16. Loo mntu ubenga angafana neziya dolophu uNdikhoyo wazidiliza engenanceba.Ubenga angeva kusitsho umkhulungwana ngentsasa,kuvakale nentlaba-mkhosi ukuqina kwemini.