Ujeremiya 18:21-23 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ngoku ke mabafe yindlala abantwana babo;bayeke baye kufa likrele.Mababe ngamadlolo nabahlolokazi abafazi babo;amadoda abo atshabalale,noonyana babo babulawe emfazweni.

22. Makube sisijwili emizini yaboxa befike ngebhaqo abaphangi abathunywe nguwe.Bandembele umngxuma, ukuze ndeyele kuwo;bandibekele izabatha zokubambisa iinyawo zam.

23. Uyawazi, wena Ndikhoyo, onke amayelenqe abo okundibulala.Uze ungabuxoleli ubugwenxa babo,nesono sabo ungasicimi sithi shwaka emehlweni akho.Mabakhubeke bawe phantsi phambi kwakho,ubohlwaye usesemsindweni.”

Ujeremiya 18