Ujeremiya 18:17-23 Ibhayibhile (XHO96)

17. Njengomoya wasempumalanga ndokwenjenjalo ukubathi saa phambi kweentshaba zabo,ndibanike umhlana, ingabi bubuso, mhla bafikelwa lishwangusha.”

18. Bathetha-thethana bathi ngam: “Masimbonele icebo uJeremiya lo. Soze siyiswele imfundiso yababingeleli, namacebo ezilumko, kunye namazwi abashumayeli. Ngoko ke masimgxibhe ngamazwi ethu, singakusi so konke akuthethayo.”

19. Ke mna ndathi:“*Ndikhoyo, ndiphulaphule;zive iintetho zabamangaleli bam!

20. Bakha babuyekezwa phi ubuhle ngobubi?Nâbo ke bendimbela umgodi.Khumbula mhla ndisiza kuwe,ndize kubacengela ukuba ungabi namsindo.

21. Ngoku ke mabafe yindlala abantwana babo;bayeke baye kufa likrele.Mababe ngamadlolo nabahlolokazi abafazi babo;amadoda abo atshabalale,noonyana babo babulawe emfazweni.

22. Makube sisijwili emizini yaboxa befike ngebhaqo abaphangi abathunywe nguwe.Bandembele umngxuma, ukuze ndeyele kuwo;bandibekele izabatha zokubambisa iinyawo zam.

23. Uyawazi, wena Ndikhoyo, onke amayelenqe abo okundibulala.Uze ungabuxoleli ubugwenxa babo,nesono sabo ungasicimi sithi shwaka emehlweni akho.Mabakhubeke bawe phantsi phambi kwakho,ubohlwaye usesemsindweni.”

Ujeremiya 18