20. Into efunekayo kukuthobela umthetho nemfundiso kaNdikhoyo. Xa bengayenzi ke loo nto abanakamva.
21. Ke kaloku abantu baya kubhadula ezweni, bexhwalekile, belamba. Bekwelo phango ke bosuka babe lugcala-gcala, bakhangele esibhakabhakeni, bamshwabulele ukumkani wabo ngokunjalo noThixo wabo.
22. Boba ngakhangela bangaboni nto yimbi ehlabathini ngaphandle kwenkxwaleko nomnyam' ombonde-mbonde ongaphephekiyo.