Uisaya 7:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. *UNdikhoyo ke uthethe noIsaya wathi: “Hamba nonyana wakho uMasalela-obuya, uhlangabeze ukumkani uAhazi. Niya kudibana naye endleleni phaya kulaa ndawo basebenzela kuyo abasonti belaphu, ekupheleni kwalaa mjelo utsala amanzi kwelaa qula liphezulu.

4. Yithi kuye: ‘Hlala uthe qwa uzole, ungabhuduzeli ube nevuso. Kaloku lo msindo kakumkani uRezin nama-Aram kunye nalo kakumkani uPeka unyana kaRemaliya ufana nje nokutsitsitheka komlilo weviti.

5. Ama-Aram ekunye namaSirayeli phantsi konyana kaRemaliya baceba iyelenqe ngawe.

6. Bathi: “Masilihlasele ilizwe lakwaJuda, silithathe sahlulelane ngalo, size simisele unyana kaTabhele abe ngukumkani.”

7. Kambe ke iNkosi uNdikhoyo ithi:“ ‘Unotshe; soz' ihle loo nto!Hayi, into enjalo soze yenzeke tu!

8. Kaloku intloko yama-Aram yiDamasko,ibe ke yona intloko yeDamasko nguRezin.Okokwakhe ke uSirayeli,kwisithuba nje samashumi amathandathu anantlanu eminyaka,uya kuvuthuluka kungasali nempunde le –ewe, buya kubhanga ubuzwe bakhe.

Uisaya 7