Uisaya 35:8-10 Ibhayibhile (XHO96)

8. Apho ke kothi tyaba uhola;leyo ke kothiwa yindlela yobungcweleekungekho namoni woze athi cakatha kuyo,nasiyatha solahlekisa mntu kuyo.

9. Kuyo soze kubekho ngonyama,ingasoze ihanjwe narhamncwa;kuphela ngabakhululwe nguNdikhoyoabaya kudakasa kuloo ndlela.

10. Abasindisiweyo nguNdikhoyo bobuyela eZiyon benemihlali,bengqungqa bememelela ngochulumacho.Soze babe sazana neentsizi nenkxwaleko;boxhamla ulonwabo naphakade.

Uisaya 35