20. Wozaliseka ke nomzekeliso othi:“Akukho kunaba – umandlalo mfutshane;kanti nengubo libhayi – ayambathisi.”
21. Kuba uNdikhoyo uya kulwa njengamhla mnene,nditsho apho kwintaba iPerazim.Koba ngathi kukwintili yaseGibhiyon;woba ufezekisa umsebenzi ongalindelekanga,ephumeza oko kuhlasimlisayo.
22. Ngoko ke, khawuthi cwaka, mgxeki,hleze akusinde amakhamandela akho;kuba sivakele kum isandi sentshabalalo,isaziso esimiselwe lonke ilizwe,siphuma kuMhlekazi uNdikhoyo onamandla onke.
23. Inzwi; yivani, maSirayeli!Khanibek' iindlebe, ndiyathetha!
24. Mlimi wuphi olim' intw' engenasiphelo?Mlimi waphi ogelesha njalo?Hayi bo! Ngunotshe lowo!
25. Yena uyalima ade agqibe;egqibile ke uhlwayela idile noba yikumin,mhlawumbi atyale noba yingqolowa;kungenjalo ke ahlwayele ihabile,zonke ke ngeendawo zazo.
26. Kanene akaqeqeshwanga na nguThixo wakhe?Ewe, uwufundisiwe lo msebenzi.