Uisaya 28:17-20 Ibhayibhile (XHO96)

17. Umthetho ndowenza umtya wokulungelelanisa,ubulungisa bube yintambo yokundindanisa.Ubuxoki benu botshayelwa sisichotho,iimpuphuma ziyikhukulise inqaba yenu.

18. Umnqophiso wenu nokufa uya kutshitsha,nesivumelwano nelabafileyo sonqamka.Ekugalelekeni kwaso isithwakumbesona siya kunibetha sinongamele.

19. Isithwakumbe sobetha sinikhukhulise;kobe ngasa ibe siso nani.Soba ngunonca imini nobusuku.”Ukuchazwa kolu daba kuya kunirhwaqelisa.

20. Wozaliseka ke nomzekeliso othi:“Akukho kunaba – umandlalo mfutshane;kanti nengubo libhayi – ayambathisi.”

Uisaya 28