Uisaya 22:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. Suka nina naguya nabhiyoza,naxhela zigusha zinkomo kwanjeya;natya nenyama, nalebela ngotywala, nisithi:“Masonwabe sitye sisele;ikakade siyafa ngomso!”

14. UNdikhoyo uSomandla-onke uthethe nam wathi:“Ngenene obu bubi abuyi kuxolelwa.”Ewe, ufunge wathi kode kufiwe kunjalo.Utshilo ke uMhlekazi uNdikhoyo uSomandla-onke!

15. Ke iNkosi *uNdikhoyo uSomandla-onke yandiyalela ukuba ndiye kuShebhena, usomaqhuzu wakomkhulu, ndifike ndithi kuye:

16. “Uyintoni apha? Khona ulithatha phi ilungelo lokuzikrolela ingcwaba kule nduli inezawana?

17. Ingade ibe ngathi usisikhulu, kodwa yena uNdikhoyo uya kusuka akuthi hlasi, akulahle kude.

Uisaya 22