16. INkosi ke ithethe nam yenjenje: “Kwisithuba sonyaka ninyamezele ubukhulu nodumo lweentlanga zamaKedare luya kunqamka.
17. “Kwezo ncushe zamaKedare adubula ngeentolo kuya kusala iingqandandana nje. Ewe, kuya kuba njalo, kuba nditshilo mna *Ndikhoyo Thixo wamaSirayeli.”