Uisaya 20:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi waseAsiriya yagunyaziswa nguSargon ukumkani wakhona, yaza yahlasela isixeko samaFilistiya iAshdode, yasithimba.

2. Ngelo xesha *uNdikhoyo wayalela uIsaya unyana ka-Amozi, wathi: “Zikhulule iimpahla ozinxibileyo zokuzila, ndawonye neembadada zakho.” Ngokwenene ke wawuthobela loo myalelo, waza wahamba ze.

3. Waza ke uNdikhoyo wathi: “Kakade isicaka sam uIsaya besisoloko sijikeleza sizé, singenazo nambadada, yonke le minyaka mithathu. Lowo ke ngumqondiso wento eya kwehlela iJiputa neKushe.

Uisaya 20