4. AmaJiputa ndowanikela aphathwe gadalala:oba sezandleni zorhulumente okhohlakeleyo;aya kulawulwa ngukumkani osisikhohlakali.”Utsho ke uNdikhoyo uSomandla-onke.
5. Umlambo iNayile uya kutsha khonkqo,amanzi awo aphele kuthi tu!
6. Asivumba eliya kubakho kwimijelo yawo!Iintlambo zeNayile zowutha zitshe;iingcongolo nemikhanzi ziya kutshaza.
7. Ngasemlanjeni apho utyani bosuka buyobe;namasimi apho kuloo ntilindini osuka atshaze, avuthuluke aphele.
8. Sovakala isikhalo nencwina yabalobi.Baya kukhala abaphosa umnatha emanzini;amaqhogi abalobi aya kubuya ze.
9. Abasebenzisa umqhaphu baya kutyhafa,nabo basontayo bophelelwa ngamandla.