12. Ke zona izizwe ziyabhabhama,zitsho ngogqumo ngathi kukuyaluzela kolwandle;ewe, uluntu luyaxokozela okwamanz' olwandle.
13. Izizwe zingade zibe ziyabhonga,zityhuluba okwamanz' olwandle,yena ukhalima kanye, zitsho zisabe;ziphephetheka ngathi luthuli endulini,ngathi yinkunkum' ibalek' isaqhwithi.
14. Ngorhatya bahlasela kutsho kunyembeleke,kanti kusasa abaziwa nomkhondo.Banjalo ke abo basixhaphazayo;eso sisabelo sâbo bazithathelayo.