12. Xa senixhamla intlala-kahle, ninayo yonke into eniyifunayo, senizakhele izindlu ezintle,
13. nemfuyo yenu isanda ngokunjalo nesiliva negolide nako konke eninako kuvumile,
14. ze ningakhukhumali, nimlibale uNdikhoyo uThixo wenu owanihlangula ebukhobokeni kwelaseJiputa.
15. Kaloku yena wanikhokela kweso sithabazi sentlango eyoyikekayo, apho kwakukho iinyoka ezinobuhlungu ndawonye noonomadudwane. Apho kanye kuloo nkangala ingenamanzi wanivelisela amanzi eliweni lenyengane.