5. Ngelo thuba ke mna ndema phakathi kwenu noNdikhoyo ndinivakalisela awayekuthetha, kuba kaloku nina nasuka noyika nakubona umlilo, anavuma ukusondela entabeni.“UNdikhoyo wathetha nani, wathi:
6. ‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho owakukhupha eJiputa apho wawulikhoboka khona.
7. “ ‘Ungaze unqule thixo wumbi ngaphandle kwam.
8. “ ‘Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba.
9. Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo.
10. Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo beyithobela imiyalelo yam.
11. “ ‘Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.
12. “ ‘*UMhla wokuPhumla wugcine ulusuku olulodwa lwam njengoko mna Ndikhoyo Thixo wakho ndikuyalelayo.