Uhlaziyo-Mnqophiso 33:9-14 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ngoyise nonina wathi: ‘Andiseva ngani.’Ngabantakwabo wathi: ‘Andinazi.’Ngabantwana bakhe wathi: ‘Andisenanto nani.’Ewe, yena wanonophela ilizwi lakho,wanyaniseka kumnqophiso wakho.

10. Uya kufundisa uSirayeli imimiselo yakho,ayale abantu ngomyalelo wakho.Uya kwenza isiqhumiso phambi kwakho,anikele namadini atshiswayo eqongeni lakho.

11. Ndikhoyo, nceda umthi jize ngokomelela,waneliseke ngumsebenzi awenzayo.Ke bona abamvukelayo bavikive;abamthiyayo mabangaze babuye bavele.”

12. NgoBhenjamin wathi:“UNdikhoyo uyamthanda uBhenjamin;yena usoloko emalusile.Uhlala ekhuselekile imini yonke;yena umi phantsi kwephiko lakhe.”

13. NgoJosefu wathi:“Ke lona ithamsanqa likaNdikhoyo likwaJosefu;umhlaba wakhe mawunyakamiswe yimvulanangamanzi emithombo ampompoza phantsi komhlaba.

14. Ilanga nenyanga mazimchumise,ziwulize ngeyona-yona mveliso.

Uhlaziyo-Mnqophiso 33