Uhlaziyo-Mnqophiso 33:4-7 Ibhayibhile (XHO96)

4. mhla uMosis wabanika umthetho,olibango lebandla likaSirayeli.

5. Wena Ndikhoyo waba ngukumkani kaYeshurun,zakuba zihlanganisene iinkokheli zabantu,zakuba ziqukene izizwe zakwaSirayeli.”

6. Wasuka ke uMosis wathetha ngoRubhen, wenjenje:“URubhen makahlal' ehleli angaze atshitshe,nakuba engengakanani ngamanani.”

7. NgoJuda wathi:“Kambe ke, wena Ndikhoyo,bek' iindlebe umphulaphule uJuda,ubuye ummanye namawabo.Yena wazilwela ngezo zandla zakhe, Ndikhoyo,ke ngoko msize ezintshabeni zakhe.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 33