46. wathi kuwo: “Wathatheleni ingqalelo onke la mazwi endiwabhekise kuni namhlanje. Ze niwayalele abantwana benu, khon' ukuze bafunde ukuyithobela ngenyameko yonke imfundiso yalo mthetho.
47. Kaloku le mfundiso ayikuko ukulavuza nje, koko bubomi kuni. Ngoko ke yithobeleni niyenze, khon' ukuze nibe nokuma ixesha elide kwelo lizwe niya kulo phesheya kweJordan.”
48. Kwangaloo mini uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:
49. “Yiya kwiintaba zeAbharim kwelaseMowabhi malunga neJeriko. Nyuka intaba iNebho, ulibheke elo lizwe laseKanana ndiza kuwangenisa kulo amaSirayeli.