Uhlaziyo-Mnqophiso 31:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.”

7. UMosis wabiza uYoshuwa, wathetha naye phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi: “Qina ukhaliphe! Kaloku nguwe oza kukhokela aba bantu, uye kubadlisa ilifa labo kwelo lizwe uNdikhoyo wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu.

8. NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.”

9. Lo mthetho ke uMosis wawubhala, wawunikezela kubabingeleli bakwaLevi ababejongene netyesi yomnqophiso *kaNdikhoyo, ngokunjalo nakumadoda amakhulu akwaSirayeli.

10. Wabayala wathi: “Njalo xa kuphela unyaka wesixhenxe, kusondela unyaka wokucinywa kwamatyala, lo mthetho mawufundwe kumsitho wamaphempe.

Uhlaziyo-Mnqophiso 31