1. “Ke kaloku senyuka saya eBhashan. Ke yena ukumkani uOgi waphuma nawo wonke umkhosi wakhe, wasihlasela ngase-Edreyi.
2. *UNdikhoyo ke wathi kum: ‘Musani ukumoyika; ndimnikele ezandleni zenu, ndawonye nomkhosi wakhe, nawo wonke umhlaba wakhe. Nakuye yenzani kwangaloo ndlela nenza ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon.’