1. Nantsi ke imiqathango yomnqophiso *uNdikhoyo awayalela uMosis ukuba awenze namaSirayeli kwelaseMowabhi; yona ixhasa umnqophiso owenziwa nguNdikhoyo kwintaba iHorebhe.
2. UMosis wawahlanganisa ndawonye amaSirayeli, waza wathetha nawo wenjenje: “Nizibonele ngokwenu into eyenziwe nguNdikhoyo kukumkani waseJiputa, nakumaphakathi akhe, nelizwe lakhe liphela.
3. Nizibonile izibetho ezirhwaqelisayo, imiqondiso, nemimangaliso ayenzileyo uNdikhoyo.