Uhlaziyo-Mnqophiso 25:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. umka-mfi lowo makaye kuye ekho namadoda amakhulu edolophu leyo, afike akhulule isihlangu sakhe, amtshicele ebusweni, athi: ‘Nantso ke into eyenziwayo kumntu ongafuniyo ukuvelisela umntakwabo inzala.’

10. Jikelele ke kwaSirayeli umzi wakhe uya kwaziwa njengomzi ondoda ikhululelwe isihlangu.”

11. “Ukuba amadoda amabini ayalwa, aze umfazi wenye azame ukuncedisa indoda yakhe ngokubamba le ilwa nayo ngobudoda,

12. sukumenzela nceba, mnqumle isandla.

15. Sisebenzise ngokunyaniseka isilinganiso, khon' ukuze uhlale ithuba elide kwelo lizwe akunika lona uNdikhoyo uThixo wakho.

16. Kaloku banezothe kuNdikhoyo abantu abanobuqhophololo.

17. “Ungaze uyilibale into enayenziwa ngama-Amaleki ngokuya nanivela eJiputa.

18. Wona ahlangana nani nidiniwe, niphelelwe ngamandla, aza ababulala bonke abo baberhuqeka ngasemva. Kaloku ayengamoyiki uThixo.

19. Ngoko ke akuba uNdikhoyo ekuhlangule kuzo zonke iintlanga ezikungqongileyo, waza wawuma umhlaba akunika wona ukuba ube lilifa lakho, uze uwabulale uwatshayele ama-Amaleki atsho alibaleke. Uyabona ke, uze ungaphazami!”

Uhlaziyo-Mnqophiso 25