19. “Xa umSirayeli eboleke imali, noba kukutya, okanye noba yintoni na kuwe, sukumbiza nzala.
20. Ungayibiza inzala ngento oyiboleke intlanga, ungayibizi kumwenu. Xa uwuthobele lo myalelo uNdikhoyo uThixo wakho uya kuyithamsanqelisa yonke into oyenzayo kwelo lizwe uya kuma kulo.
21. “Xa wenze isibhambathiso kuNdikhoyo uThixo wakho uzungalibazisi ukusifezekisa. Kaloku uNdikhoyo uyasibanga, ibe ke sisono ukungasiphumezi.
22. Akulotyala ukungenzi sibhambathiso;
23. kambe ke, xa usenzile, qiniseka ngokusifezekisa. Kaloku usenze ungàqhutywa mntu.